

ABASHANTE BAPHUMELELE
KAKUHLE KWIMATRIKI
Ngaba ubucinga ukuba ezi nzwakazi akukho nto yimbi zinomdla kuyo ngaphandle
kokucula nokudanisa ubusuku bonke? Akunjalo ke! Amantombazana eqela leAbashante
azimisele ngemfundo. UBONGANI HLATSHWAYO uncokole nawo ngeminqweno yawo.
Kufote uLUCKY NXUMALO.

qela e!ithandwayo !eemvumikazi ezine ekuthiwa yiAbashante. Ukusuka ekhohlo nguHazel Mzolo, uQueen Sesoko, uNestum Zanele Nyakale noTsholofelo Mahora.



U
 KUBA uziqwalasele iziphumo zeemviwo zeMatriki zika-1996, umei ukuba ulibonile igama IikaHazei Mzoio nelilcaNestum Zanele Nyakale phakathi kwabafundi abaphumeieleyo.
La mantombazana mabini eqela leAbashante ngoku ayafana namanye amabini acula nawo, uQueen Sesoko noTsholofelo Mahora, bona abaphumelela imatriki kwiminyaka edlulileyo.
Yintoni eyenza ezi nzwakazi zizikhathaze ngemfundo zibe zifumana imali eninzi emculweni?
Ukuba nemali akuthethi kuthi unento yonke kuba ayilithengi ingomso. Xa ufundile akukho
mntu unokuyihlutha kuwe imfundo yakho, utsho uNestum. Kungoku nje asiqinisekanga ukuba ngenene umculo uza
kuba ngowona msebenzi wethu. Thina kwiqela leAbashante sifuna imfundo nomculo zilingane kuba asikwazi esikuphathelwe lingomso emculweni, utsho uTsholofelo.
Ngaphandle koko, njengokuba siziimvumi siba nodliwano-ndlebe nabantu abahlukeneyo. Oko kuyenza imfundo ibenendima ebalulekileyo kwiqela lethu, utshilo uHazel.
UQueen uthi ukuzinikela emculweni kuphela kuya kubenza bangazihoyi ezinye izinto ezibalulekileyo ebomini. imvumi kufuneka yazi izinto ezininzi eziqhubekayo elizweni.
Umculo weAbashante uyingxubevange yeA&B, iragga nekwaito - mculo lowo uthandwa ngabantu abadala






LONA THANDO U-Oprah Winfrey wenkqubo yosasazo ethandwayo eU.S. uye wazama ukuwadiliza amanqatha asemzimbeni wakhe kumashumi amabini eminyaka. Ubukhulu bomzimba wam babundikhathaza, utshilo. Akukho nemini le enye ebidlula ndingacinganga ngabo. Wothuka gqitha xa kumlo wamanqindi kaMike Tyson noTyrell Biggs weva ukuba ubunzima babo buyi-218 pounds (99kg) wabe yena enobunzima obungaphezu kobu bezi mbethi-manqindi. Emva kweminyaka eli-1O uOprah usomelele yaye uyaphila. Ubhale incwadi echaza indlela aye wonwaba ngayo, ibizwa ngokuba yiMake the Connection: Ten Steps to a Better Body - and a Better Life. lsekelwe kwinkqubo ayiyilelwa ngumqeqeshi wakhe uBob Greene, le ncwadi inamacebiso alula nasebenzayo endlela yokutshintsha indlela yokutya nokusela, kwanendlela yokwenza imithambo. Kodwa uOprubonisa ukuba oku akuphelele nje kwindlela otya ngayo. Olona tshintsho ndiye ndalwenza lolungokomoya, utshilo. Kube ngenxa yokuqonda ukuba ukukhathalela umzimba nempilo yam lolona thando ndinokuzinika lona.



UWHiTNEY UCHULE
NOBOBBI
Umlonjikazi nomdlali kwiifilim, uWhitney Houston, ubonise okona kubalulekileyo kuye xa ebedlala okokuqala kwifilim yakhe entsha ethi The Preachers Wife: intombi yakhe eneminyaka emithathu uBobbi, lee eNew York. Phofu ke, indoda yakhe uBobbie Brown, ubengekho. Kule filim uWhitney udlala indawo kaJulia, inkosikazi kaMtundisi uHenry Biggs ocula iingoma zokholo. Ugqibela ngoku ethandana noDudley omhle indawo edlalwa nguDenzel Washington, 10 uyingelosi eze emhlabeni izokunceda indoda yakhe.
ABAHLOBO BAKADENZEL
BASEBUNTWANENI
BANGABAPHANGI ABAXHOBILEYO
UDenzel Washington ongumdlali weefilim wayehlala kufutshane naseBronx engumntwana apho akhule nzima ezama ukuziqhelanisa nobomi obungqwabalala baseNew York. Uyavuma ukuba waphantse waphelela entolongweni njengoogxa bakhe -ukuba unina akazange azame ukumnqwanqwada.
UDenzel okhe wadlala kwifilim ethi Malcolm X nakwethi Cry Freedom ebephoxeka xa unina ebemkhangela ezitratweni aze amqhube emgodusa oontanga bakhe bebukele. Ukuba namadoda amane ngokuqinisekileyo kumnike umntwana wakhe uthando nokuzinikela okunye okumgcine kwicala etihle.
UVUYO NEPURE MAGIC BANECWECWE
ELIZA KUGQWESA
USizwe Zakwe oyiprodyusa uthi iPure Magic noVuyo Mokoena kufanele bajongwe njengeemvumi ezahluke kakhulu kuRebecca Malope. Kodwa oku kwenzeka njani kuba ukucula kukaVuyo noRebecca kukokona kuthakazelwa ngabalandeli? Ndicinga ukuba abalandeli kufuneka bazihlengahlengise, umculo kufuneka uqhubeke. Bebedibene ngomculo wokholo kodwa okukwicwecwe lamvanje lePure Magic elithi Ikhon lmfuyo kutsha kraca. Ubugqi
obabangela bafunwe luluntu abukabalahlekeli:
ukuba unokuvelisa ingoma emnandi njengethi lkhona, unako okunokuthandwa kwakhona ngabalandeli.







,-,








































-
-
30 BONA XHOSA - April 1997

34 BONA XHOSA - April 1997

